Iindaba ezihamba ngobuxhakaxhaka bee-Cable zaapapashwa okokuqala emoyeni kumabonakude ngomhla woku-1 kwinyanga yesSilimela ngo-1980. Iindaba zokuqala ezaapapashwa ngobuxhakaxhaka be-Cable zaphehlelelwa ngu-David Walker nomkakhe uLois Hart. Kunyaka wayo wokuqala i-CNN iqeshe iingcali zopolitiko ezininzi, eziquka u-Rowland Evans noRobert Novak.ONgomhla woku-1 kweyomQungu ngo-1982 i-CNN yaaphehlelela umzila omtsha wokusasaza iindaba okwazalana nayo kodwa wonalo iqonga leengxoxo okanye iqonga lokuphawula libizwa ngokuba yi-CNN2. Iinkqubo zosasazo ezikumakomkhulu e-ziko leCNN eAtlanta, okanye, okanye kwi-Time Warner Center kwisixeko sase-New York, okanye kwi-studios e-Washington, D.C., nase-Los Angeles. I-CNN yeye-Time Warner, kunye nomzila weendaba zase-U.S. ukwayinxalenye ye-nkqubo yosasazo yakwa-Turner.
I-CNN ibisoloko igxijwa rliZiko langasekunene eliphanda ngoSasazo ngokuthi i-CNN yenzelelela iphiko langasekhohlo. Ngokwela ziko, alikho kangako kwicala langasekhohlo xa kuthelekiswa nezahlulo nesahlulo seendaba zakwa ABC, NBC, kunye nakwa-CBS. Ibisoloko igxijwa ngamaArabhu ngokukhokhelisa ukwenzelelelela imelika. .